ISAHLUKO 1
IZIBONELELO JIKELELE
Inkcazelo
Kuyo yonke le migaqo intsingiselo yesigama enikiweyo ifana naleyo ikuMthetho, ukuba akunjalo ikho ingcaciso eya kwenziwa;
Xa kusithiwa "uMthetho" kuxelwa uMthetho wama-58 ka1995 Wamagunya Eziqinisekiso zoMzantsi Afrika;
Xa kuthiwa "ulwazi lokusetyenziswa" kuxelwa ukuba nakho ukusebenzisa ngokufanelekileyo apho kuyimfuneko iziphumo zezifundo ezifunyenwe xa bekufundelwa isiqinisekiso esithile;
umvavanyi" ngumntu obhaliswe kwiziko Lokuqinisekisa Umgangatho Onguwo Wemfundo Noqeqesho ngokwemiqathango ekuvunyelwene ngayo neQumrhu Lokubelelela Umgangatho, ngenjongo yokuhlola iziphumo ezisekelwe kuPhahla Lweziqinisekiso lukaZwelonke; kanti ke "umvavanyi othe rhoqo" usafana naye ngentsingiselo.
usihlalo" ngusihlalo weGunya;
ikomiti'" yiyo nayiphi na ikomiti yeGunya equlunqwe ngokwecandelo lesi-7 loMthetho imfundo engundoqo" yimfundo esisinyanzelo efunekayo kwiimeko ezingqamene nesiqinisekiso esithile, kanti ke "undoqo" usabhekisa kwakwintsingiselo efanayo;
inqaku" lixabiso elibekwa liGunya nelilingana neeyure ezilishumi zokufunda;
Iqela Elinomdla Ongqalileyo" liqumrhu likazwelonke ekufuneka libekho ukuze kubekho impumelelo kwimisebenzi yeli Ziko Lomgangatho Onguwo Likazwelonke licetywayo;
iziphumo jikelele" ziziphumo zohlobo oluthile ezisisikhokelo zazo zonke izifundo kanti zona "iziphumo jikelele zamacandelo emfundo noqeqesho" zikwabhekiselele kule ntsingiselo.
Iziko Lokuqinisekisa Umgangatho Onguwo Lemfundo noQeqesho" liziko eligunyazisiweyo ngokwecandelo lesi-5 (a)(ii) loMthetho, umsebenzi walo ikukuqinisekisa ukusebenza kakuhle ngokwemimiselo yomgangatho onguwo weziqinisekiso, msebenzi lowo liwunikwe ngokwecandelo 5 (b)(i) loMthetho;
izifundo zokuzikhethela" zizifundo ezithe chatha kwezi zisekelwe kuPhahla Lomgangatho Onguwo lukaZwelonke, apho ubani anokuzikhethela kuzo ukwenzela ukuba aphumeze iimfuno zesiqinisekiso semfundo esithile, kanti ke naxa kuthiwa "ezokuzikhethela" kusathethwa into enye;
Ikomiti Elawulayo / Ephetheyo" yileyo isekwe ngokwecandelo lesi-7 loMthetho ukwenzela ukuba iqhube imisebenzi ethile egameni leGunya;
Igosa Elilawulayo / Eliphetheyo" ngulowo uqeshwe ngokwecandelo lesi-4 loMthetho;
iziphumo zokufikelela esiphelweni" zezo kufanele ukuba umfundi azifumane xa ekwinqanaba eyishiya inkqubo emkhokelela kwisiqinisekiso esithile semfundo;
ihlelo" libhekisa kwiqela lezifundo ezinxulumeneyo, hlelo elo lisetyenziswa njengomnxulumanisi kuPhahla lukaZwelonke Lomgangatho Onguwo;
imfundo esisiseko" yileyo ekuqalelwa phezu kwayo inkqubo yemfundo, uqeqesho okanye imfundo ethe chatha, siseko eso siyimfuneko ukuze umfundi azuze isiqinisekiso semfundo, kanti maxa wambi kuthiwa "isiseko";
uvavanyo olubandakanyayo" lolu luvumela ukuba mfundi abonakalise ukuba nakho ukusebenzisa ulwazi kanti lusebenzisa iindlela zokuvavanya emva komsebenzi owenziwe ngethutyana nokuvavanya isixa esikhulu somsebenzi owenziwe ithuba elide;
isichazi mgangatho" yindlela yokuchaza umgangatho ofikelelweyo kuleyo isibhozo yoPhahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo;
ilungu" ngubani olilungu leGunya nonyulwe nguMphathiswa ngokwecandelo lesi-4 loMthetho;
ulungelelaniso" yinkqubo yokuqinisekisa ukuba uvavanyo lweziphumo ezichazwe kuPhahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo lufanelekile, luthembekile kwaye lunokusetyenziswa ngokusemthethweni;
iziko lolungelelwaniso" leli linyulwe liGunya ncakasana ngenjongo yokulungelelanisa;
Iziko Likazwelonke Lamabakala" liziko elibhalisiweyo ngokwecandelo lesi-5 (a)(ii) loMthetho, elimsebenzi walo ikukuqulunqa amabakala okanye iziqinisekiso zemfundo noqeqesho nokwenza eminye imisebenzi enxulumene nokubhaliswa kwamabakala neziqinisekiso zikazwelonke, misebenzi leyo isekwe ngokwecandelo lesi-5 (b) (i) loMthetho;
iiyure zengqiqo zemfundo" lixesha lokufunda ekuqikelelwa ukuba umfundi unokulithatha ukufumana iziphumo ezisekiweyo , eliquka lonke ixesha lokudibana komfundi nezifundo - ezincwadini, kumagumbi emfundo nasemsebenzini onxulumene nezo zifundo;
iziphumo" ziziqhamo okanye iinqobo ezibonakalayo ezinokusetyenziswa xa ubani eyigqibile inkqubo ethile yemfundo;
umfundi ofanelekileyo" ngulowo ulungele ukufumana isiqinisekiso semfundo;
ukuthathela ingqalelo imfundo yangaphambili" kukuthelekisa ulwazi namava omfundi nokuba ebewafumene njani kuthelekiswe neziphumo ezifunekayo kwisiqinisekiso semfundo esitihile, lwamkelwe olo lwazi ngenjongo zokuphumeza iimfuno zesiqinisekiso eso sifunwa ngumfundi;
isigqibo" yinto ekuvenwe ngayo liGunya;
iziphumo ezitsolileyo" lulwazi, nobuchule obunokusetyenziswa ngqo apho kuyimfuneko, lusekela esinye okanye ezinye iziphumo ezingundoqo;
ufundo olukhethekileyo" lolu lujolise kubungcali malunga nolwazi nokusebenzisa olo lwazi kwiimeko ezikhethekileyo;
Iziko Lokumisela Umgangatho Onguwo" liziko elibhalisiweyo ngokwemiqathango yecandelo lesi-5 (a)(ii) loMthetho, nelinoxanduva lokumisela umgangatho onguwo neziqinisekiso zemfundo noqeqesho, apho imisebenzi emiselweyo yokuseka umgangatho onguwo neziqinisekiso imiselwe ngokwecandelo lesi-5(b)(i) loMthetho;
isimiselo sebakala" luqingqo olubhalisiweyo lweziphumo ezifunekayo zemfundo noqeqesho neenkqubo zovavanyo ezifanelekileyo nendlela yokusebenzisa ulwazi olunxulumeneyo ngokumiselwe kule migaqo.
ISAHLUKO 2
UPHAHLA LUKAZWELONKE LOMGANGATHO ONGUWO
Ukusekwa
Apha kusekwa Uphahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo ngenjongo zokubhalisa umgangatho onguwo neziqinisekiso zikazwelonke
Ubume boPhahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo
 Uphahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo luza kusekelwa kumanqwanqwa asibhozo, naya kubizwa ngokuthi Inqwanqwa 1 ukuya kwelesi-8 kwaye inqwanqwa ngalinye liya kuba nenkcazelo yalo eyahlukileyo.
Inqwanqwa 1 loPhahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo liya kuvulekela ukuba lubandakanye amabanga amathathu asezantsi komgangatho, mabanga lawo alungiselelwe Imfundo Noqeqesho Olungundoqo Lwabadala apho kukhutshwa iziqinisekiso zempumelelo, kanti nenqwanqwa 8 lakuyekwa livulekile.
Amanqwanqwa asibhozo oPhahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo aqukwa abe zizithungu ezithathu ezichazwa ngolu hlobo:
a. Inqwanqwa 1 nangezantsi: Isithungu Semfundo Noqeqesho Jikelele b. Amanqwanqwa 2 ukuya kwele-4: Isithungu Semfundo Noqeqesho Oluthe Chatha c. Amanqwanqwa 5 ukuya kwele-8: Isithungu Semfundo Noqeqesho Oluphezulu
Uphahla Lukazwelonke Lomgangatho Onguwo luya kwahlulwa lube ngamahlelo alishumi elinambini, angala:
d. Ihlelo 01: Ezolimo Nolondolozo Lwendalo e. Ihlelo 02 :Ezenkcubeko Nobugcisa f. Ihlelo 03 :Ezoshishino, Uqoqosho, Nolawulo g. Ihlelo 04: Ezonxibelelwano Nolwimi h. Ihlelo 05: Ezemfundo, Uqeqesho Nophuhliso
Ihlelo 06: Ezemveliso, Ubunjineli Nobuchwepheshe j. Ihlelo 07: Ezoluntu Nentlalo k. Ihlelo 08: Ezomthetho, Ubungcali Bomkhosi Nokhuseleko l. Ihlelo 09: Ezempilo Neenkonzo Zoluntu m. Ihlelo 10: Ezendalo, Izibalo, Ubungcali bekhompyutha, Nezobomi.
n. Ihlelo 11: Iinkonzo o. Ihlelo 12: Ezokucwangcisa indalo Nokwakha
IGunya liya kunika inkcazelo eyahlukileyo kwisithungu ngasinye ukuze sahlulwe isithungu sibe zizithungwana eziya kuthi sisinye sinikwe inkcazelo eyahlukileyo liGunya.
Izichazi-manqwanqwa
 Iziko Likazwelonke Lomgangatho Onguwo ngalinye, neliqulunqwe phantsi komgaqo we-12, liya kusebenzisana namaZiko Okumisela Umgangatho Onguwo aqulunqwe phantsi komgaqo wama-20 kwelo hlelo lalisekelwe lona ukuze lidale isikhokelo sezichazi-manqwanqwa eziqulunqwe kumthetho we-3 oya kucacisa inkqubo leyo yokubeka amanqwanqwa kumabakala, kwezinye iinkalo zaziqinisekiso nakwiziqinisekiso ngokwazo.
IGunya liya kubeka izichazi-manqwanqwa emva kokubonisana namaZiko Kazwelonke Omgangatho Onguwo ukuqinisekisa ukuba amahlelo onke asebenza ngokufanayo nokuba uvavanyo kuwo onke amahlelo lungahleleleki kwawamanye amazwe neziqinisekiso kwihlabathi jikelele.
Ukubekwa kwamanqwanqwa kumabakala neziqinisekiso
 Ukubekwa kwamanqwanqwa kumabakala, iinkalo zeziqinisekiso neziqinisekiso kuza kwenzeka ngolu hlobo:
a. Iziko Likazwelonke Lomgangatho ngalinye, neliqulunqwe ngomgaqo we-12 kunye neZiko Lokumisela Umgangatho eliqulunqwe ngomgaqo wama-20 akuvumelana ngenqwanqwa lebakala ngokokuthathela kulaa manqwanqwa asibhozo achazwe kumthetho we-3, kuqwalaselwa ukuba buqhubele phambili kangakanani na ububanzi nobunzulu bolwazi, ubuchule nexabiso kwihlelo ngalinye, kujongwe nokuba ziyabonakala zikwasebenziseka na iziphumo ezingundoqo zelo bakala.
b. Abaqulunqi beziqinisekiso ezisekelwe kumabakala athile baya kuseka iziqinisekiso ezisekupheleni kwenkqubo yezifundo ezineziqhamo ezinokusebenziseka kwelo bakala kanti zibe kwalikhonkco lokubandakanya isiqhamo esigqume konke, zidulise ulwazi, ubuchule nexabiso (ngokwesikali samanani 1 - 8 esikumgaqo we-3) apho ulwazi, ubuchule nexabiso elifumaneke kwihlelo ngalinye libandakanya iziqhamo ezingundoqo, zibe nakho nokuvavanyeka.
c. Abaqulunqi beziqinisekiso ezingasekwanga kumabakala athile baya kuseka intlanganisela yeziphumo zemfundo ezibonisa ukuba ekupheleni kwenkqubo yemfundo luyadula ulwazi, ubuchule nexabiso (ngokwesikali samanani 1 - 8 esikumgaqo we-3) apho ulwazi, ubuchule nexabiso elifumaneke kwihlelo ngalinye libandakanya iziqhamo ezingundoqo, zibe nakho nokuvavanyeka.
Ukubhaliswa kwamabakala neziqinisekiso kuPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke
Ibakala nesiqinisekiso ngasinye esizihlangabezayo iimfuno zomgaqo we-7 nowe-8 ziya kubhaliswa kuPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke, kwaye ilelo liya kubonakala ngenkcazo enomahluko.
Iimfuno zokubhaliswa kwezahlulo zamabakala namabakala
 Isahlulo sebakala siya kuqulunqwa ngokokuze sibe ngumqulu wokuvavanya, isikhokelo somfundi, nesikhokelo somhlohli ekulungiseni izinto eziluncedo zokufunda, kwaye siya kuba nezi zinto:
a. isihloko sesahlulo sebakala;
b. uphawu olubonisa ukwamkeleka kwiGunya;
c. inombolo yesahlulo sebakala;
d. inqwanqwa lesahlulo sebakala kuPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke;
e. ixabiso elayanyiswe esi sahlulo sebakala;
f. ihlelo nesithungu sehlelo lesahlulo sebakala;
g. umhla wokukhutshwa kwaso;
h. umhla wokuhlaziywa kwaso;
injongo yesahlulo sebakala;
j. imfundo amele ukuba selenayo oza kungenela esi sahlulo sebakala;
k. iziphumo ezitsolileyo eziza kuvavanywa;
l. imiqathango yovavanyo, iquka nolwazi oluyimfuneko olubandakanyekayo;
m. inkqubo yokwamkeleka kwesahlulo sebakala (iquka nolungelelaniso);
n. umhlaba onokunyathelwa kwezi zifundo njengesikhokelo sengxam yezifundo, ukusebenziseka kwazo, nobunzulu besahlulo sebakala;
o. necandelo elinesihlokwana "amanqaku" apho kufuneka kubandakanywe iziphumo ezingundoqo ezinqwenelwayo kumgaqo we-7 ezixhaswa sisahlulo sebakala; maliquke nolwazi oluyimfuneko olubandakanyekayo ukuba alukho kuvavanyo; makufakwe nolunye ulwazi oluxabangelayo malunga nesi sahlulo sebakala.
Iziphumo ezingundoqo ezinqwenelwa kumgaqo we-74 ziya kubandakanywa kwibakala elixeliweyo kumgaqo we-71ukuba elo bakala lakuthi xa liyinxalenye yesiqinisekiso, ezo ziphumo zingundoqo zingaqukwanga kwibakala zibandakanyeke kwisiqinisekiso.
Iziphumo ezingundoqo ziquka, phofu zingaphelelanga kwezi:
p. Ukubona nokusombulula iingxaki apho iimpendulo zidulisa ukuba izigqibo ezibhadlileyo zithathwe ngokucinga okucwengileyo.
q. Ukusebenza kakuhle nabanye njengelungu leqela, umbutho okanye uluntu lwendawo ethile.
r. Ukuzilungiselela nokuziphatha ngokufanelekileyo, nomsebenzi ngokunjalo.
s. Ukuqokelela, ukuhlalutya, ukubekelela ngobuchule nokuhlela ulwazi.
t. Ukunxibelelana ngempumelelo kusetyenziswa ukubona, ukubala, ukuthetha nokubhala.
u. Ukusebenzisa kakuhle nangobuchule inzululwazi nobuchwepheshe, kudule ukukhathalela indalo nempilo yabanye.
v. Ukubonisa ukuqonda ukuba ihlabathi liyimbumba yeenkqubo ezinonxulumano nokuqonda ukuba imeko ethile yokusombulula ingxaki ayizimelanga geqe iyinxalenye yezinye.
w. Ukufaka igxalaba ekukhuleni kobume jikelele bomfundi, kanti nokuphucuka kwesimo sentlalo nesoqoqosho kuluntu ngokubanzi, ngokuqinisekisa ukuba nayiphi na inkqubo yemfundo imenza ukuba ubani akuqonde kakuhle ukubaluleka:
kokucingisisa nokuzama-zama iqela lamacebo okuphucula ukufunda;
kokuthatha inxaxheba njengommi onenkathalo kwizinto eziqhubeka kwisithili sakhe, esizweni kanti nasehlabathini jikelele;
kokuyithathela ingqalelo nokufunda ngezenkcubeko yabantu ngabantu;
iv. kokusoloko kuphononongwa amathuba emfundo nekamva;
v. nokuphuhlisa amathuba okuziqalela ushishino.
Okufunekayo ekubhalisweni kweziqinisekiso
 Isiqinisekiso siya:
a. kubonakalisa ukudityaniswa kweziphumo zemfundo ezinenjongo ethe gca, apho abafundi abaphumeleleyo baya kuba nokuyisebenzisa imfundo yabo ebomini ibuye ibe sisiseko sokuqhubela phambili emfundweni;
b. kubutyebisa ngakumbi ubomi bomfundi ophumeleleyo ngohlobo lokuba uya kunyukela ngentla entlalweni, abaluleke, abe namaxwebhu amvumayo, aqesheke lula, avulelwe amathuba okufunda ngaphezulu;
c. kunceda uluntu nesimo soqoqosho ngokuphakamisa umgangatho wabemi, ngokwandisa iimveliso entlalweni naselushishinweni, ngokuveza amagcisa noochwepheshe abaya kuguqula balungise iimeko zakudala zokungalingani kwamathuba anikwa abantu;
d. kungqinelana neenjongo zoPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke ngokwecandelo le-2 loMthetho;
e. kuba neziqhamo ezingundoqo nezitsolileyo ezithungelana nezamanye amahlelo, zikhuthaze ukuba imfundo ibe yinto eqhubeka ubomi bomntu bonke;
f. kuzama kangangoko ukuba sibe kumgangatho wezamanye amazwe ehlabathi;
g. kuquka uvavanyo oluziindidi-ndidi ukuqinisekisa ukuba injongo yesiqinisekiso eso ifezekile, uvavanyo olo ibe lolwenzeka qho kumhlatyana ongephi, nolwenzeka emva kwexesha elidana luvavanye umhlaba obanzi, kuvavanywe ngokubhala, ngokuthetha, ngokulinganisa iimeko ezithile, ngokuhlolwa komsebenzi empangelweni, njalo njalo;
h. kucacisa kwimithetho elawula ukunikezelwa kwesiqinisekiso eso ukuba isiqinisekiso singafumaneka ngokupheleleyo okanye ngokwezavenge ngokuthi kwamkelwe imfundo yangaphambili esenokuthi kanti ayifunyanwanga kumagumbi emfundo, ibe kanti isenokuba ifumaneke ngokufunda ebomini jikelele nakwiimeko zempangelo.
Amanqaku ali-120 ikhulu elinamashumi amabini nangaphezulu aya kufuneka ekubhalisweni kwesiqinisekiso esikumanqwanqwa 1 ukuya kwisi-8, kukho ubuncinane bamanqaku angama-72 amashumi asixhenxe anesibini afunyenwe kwinqwanqwa okanye kwelingaphezulu kweli isiqinisekiso sibhaliswe kuso, ukuze ke amanqaku aseleyo angamashumi amane anesibhozo 48 axelwe wona: Le nto iya kwenzeka ukuba isiqinisekiso esinamanqaku angaphantsi kwe-120 siyazifezekisa iimfuno zomgaqo we-81 sibe kananjalo siyangqinelana neenjongo zoPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke ngokwecandelo le-2 loMthetho.
Lona iGunya liya kusibhalisa isiqinisekiso ngokohlobo nenqwanqwa ngokulawulwa linqwanqwa nenani lamanqaku afunekayo ngokwale miqathango ilandelayo:
IGunya lakubhalisa isiqinisekiso ekuthiwa Sisiqinisekiso Sikazwelonke kumanqwanqwa 1 ukuya ku-8 apho eso siqinisekiso sinamanqaku ali-120 nangaphezulu, abe amanqaku angama-72 ekwinqwanqwa okanye engaphezu kwalo eli nqwanqwa lesiqinisekiso esibhalisiweyo. Ukuba iGunya lithe lafumanisa ukuba isiqinisekiso esinamanqaku angaphantsi komlinganiselo siyazifezekisa iimfuno zomgaqo we-8 lo mqathango ungentle uyayekelelwa, sibhaliswe isiqinisekiso njengesikazwelonke.
j. Kwakhona iGunya liyasibhalisa isiqinisekiso njengeDiploma kaZwelonke xa sinamanqaku angama-240, abe amanqaku angama-72 ekwinqwanqwa lesi-5 okanye ngaphezulu.
k. Libhalisa Isidanga Sokuqala Sikazwelonke iGunya xa amanqaku esiqinisekiso engama-360, abe angama-72 ekwinqwanqwa lesi-6 okanye ngaphezulu.
Eli Gunya liya kuphinda libhalise ezinye iziqinisekiso ezipheleleyo ezingasekwanga kwizahlulo zamabakala ezifezekisa obona buncinane beemfuno zemigaqo 81, 82, 83
Sithi sakugqiba ukubhaliswa isiqinisekiso liGunya, sichazwe ngokohlobo, inqwanqwa, inani lamanqaku, nesihloko esixela injongo yaso ephambili.
 Ekubhalisweni kumanqwanqwa 1 ukuya ku-4 nazi iimfuno ezithe chatha:
a. Amanqaku angama-72 ubuncinane ayafuneka kweli nqwanqwa okanye ngaphezu kweli nqwanqwa lesiqinisekiso esinikezelwayo, apho kuya kubakho imfundo engundoqo emanqaku angama-20 ayakuba evela kwicandelo lezifundo zoNxibelelwano Nolwimi, ngaphezulu kubekho amanqaku ali-16 avela kwicandelo leZibalo, ibe zizibalo ezilula kwiziqinisekiso zenqwanqwa lokuqala.
b. Amanqaku angama-36 ubuncinane kwinqwanqwa lokuqala, angama-52 kwiziqinisekiso zenqwanqwa lesibini ukuya kwelesine aya kwahlulwa phakathi kwecandelo Elingundoqo neLokuzikhethela, isiqinisekiso ngasinye sicacise ukwabiwa kwamanqaku afuneka kula macandelo: loo nto yenziwe xa ngaba umhlaba wamanqaku ongezelelweyo ubanzi ngokwaneleyo ukuvumela ukuba umfundi akhethe ezo zifundo zinomdla kuye.
c. Kothi kufikwa kunyaka wama-2002 amanqaku ali-16 ubuncinane kulawa angama-52 eziqinisekiso zamanqwanqwa esibini ukuya kwelesine obe evela kumacandelo agxininisa kulwazi lwezibalo zeMathematiki.
Ngaphezulu, ekubhalisweni kwamanqwanqwa esihlanu ukuya kwelesibhozo inani lamanqaku afunekayo kwizifundo Ezingundoqo neZokuzikhethela liya kuxelwa, nani elo liya kufanelana nesiqinisekiso eso sifunekayo: kwenzeke oko ukuba iGunya lifuna izizathu zokwabiwa kwamanani ngolo hlobo.
Inkqubo yokubhaliswa kwamabakala neziqinisekiso
 Isahlulo sebakala, ibakala okanye isiqinisekiso esizihlangabezileyo iimfuno zokubhaliswa siya kudluliselwa kwiGunya ukuze sibhaliswe, sidluliswa lelo qumrhu beliqulunqa isahlulo okanye ibakala elo ngokuvunyelwa ngamaZiko Kazwelonke Omgangatho Onguwo njengokuba kuchaziwe kumgaqo we-12.
IGunya ligcina ekubhalisweni isahlulo sebakala, ibakala okanye isiqinisekiso esifeze zonke iimfuno zokubhaliswa ithuba leminyaka emithathu ekothi emva koko kuhlaziywe ukubhaliswa.
Kwinyanga yokuqala kunyaka wesithathu sibhalisiwe isahlulo, ibakala okanye isiqinisekiso, iGunya lakuthuma iZiko Likazwelonke Lomgangatho Onguwo neligunyaziswe ngumgaqo we-12 ukuba lihlaziye eso sahlulo, bakala okanye siqinisekiso, lixele ukufaneleka okanye ukungafaneleki, lixhase ngezizathu ezibonisa indlela ethotyelwe okanye etyeshelwe ngayo imiqathango yokubhalisa.
Isahlulo sebakala, ibakala okanye isiqinisekiso esibhaliswe kuPhahla Lweziqinisekiso Lukazwelonke sivula ilungelo lokuba wonke ubani afikelele kuso.
Ubhaliso lwethutyana lweziqinisekiso
 Ukusukela kumhla woku-1 kwinyanga yeKhala kowe-1998 ukuya kowama-30 kweyeSilimela kowama-2003 iGunya lingavumela ukubhaliswa kwethutyana kweziqinisekiso ezikhoyo nebezivunyelwe liqumrhu elivunyiweyo liGunya, ukuba:-
a. isiqinisekiso ngasinye sithunyelwe kwiGunya phambi komhla woku-1 kweyeKhala kowe-1998 ukuze kugcinwe ingxelo;
b. eso siqinisekiso kugcinwe iingxelo zaso sifakwe phakathi komhla woku-1 kwinyanga yeKhala kowe-1998 nowama-30 kweyeSilimela kowama-2000, sibhalwe kuxwebhu oludalulwe kumgaqo we-11 (c) kwelinye okanye kwamanye amaZiko Kazwelonke Omgangatho Onguwo ukuze kusetyenzwe ngaso;
c. eso siqinisekiso siqulethe:-
injongo yesiqinisekiso;
imfundo amele ukuba selenayo oza kungenela esi siqinisekiso iziphumo ezilindelekileyo ekugqibeni komfundi ezo zifundo njengoko kuboniswe kumgaqo we-5 (b) neenkalo zovavanyo iv. Inani lamanqaku afunekayo;
v. ubuncinane benani lamanqaku afunekayo kumanqwanqwa athile okanye ubukhulu benani lamanqaku xa edlule ubuncinane njengokuba kucaciswe kumgaqo we-8 okanye we-9;
vii. iinkalo ezinokulandelwa nezizalana nesi siqinisekiso (ezi nkalo zisenokuba bezikho kakade okanye umfundi unozidibanisela izifundo ngokwakhe);
ix. ulungelelaniso neziphakamiso okanye iingcebiso zequmrhu elilungelelanisayo;
d. akukho siqinisekiso siya kwamkelelwa ubhaliso lwethutyana emva kowama-30 eSilimela kowama-2003, kwaye nobhaliso phantsi kwalo mgaqo luya kuphelelwa ngaloo mhla.
